Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 44:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.

28. Baya kubuya ezweni leYiputa abasindé ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alàzi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.

29. Nangu ke umqondiso kuni, utsho uYehova, wokuba ndiya kunivelela kule ndawo, ukuze nazi ukuba amazwi am aya kuma, animele ububi.

30. Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamnikela uFaro-hofra, ukumkani weYiputa, esandleni seentshaba zakhe, esandleni sabafuna umphefumlo wakhe, njengoko ndamnikelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utshaba lwakhe, olube lufuna umphefumlo wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 44