Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;