Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 42:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ke ukuba nithe, Asisayi, kuhlala kweli lizwe, analiphulaphula izwi likaYehova uThixo wenu, nathi,

14. Hayi, thina siya kuya ezweni leYiputa, ukuze singàbonani namfazwe, singàliva nezwi lesigodlo, singàlambeli sonka, sihlale khona ke:

15. ngako oko kaloku liveni ilizwi likaYehova, masalela akwaYuda. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba nithe nabubhekisa kwaphela ubuso benu eYiputa, naya kuphambukela khona,

16. ikrele, eniloyikayo, lonifikela nakhona ezweni leYiputa; nendlala leyo, ninesithukuthezi ngayo, yothi nama kuni ukunilandela eYiputa, nifele khona.

17. Namadoda onke, abubhekise ubuso bawo eYiputa, ukuba aphambukele khona, aya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kungasali nanye kuwo, isindayo ebubini endiwazisela bona.

18. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengoko waphalazekayo umsindo wam nobushushu bam phezu kwabemi baseYerusalem, buya kwenjenjalo ukuphalazeka ubushushu bam phezu kwenu ekuyeni kwenu eYiputa; nibe yintshwabulo, nesimanga, nentshabhiso, nesingcikivo, ningabi sayibona le ndawo.

19. UYehova uthethile kuni, masalela akwaYuda; musani ukuya eYiputa; yazini nazi, ukuba ndiqononondisile ukuthetha kuni namhla.

20. Ngokuba niyikhohlisile imiphefumlo yenu. Xa nindithumele kuYehova uThixo wenu, nisithi, Síthandazele kuYehova uThixo wethu; njengoko konke awokuthetha kuthi uYehova uThixo wethu, síxelele njengoko, sokwenza;

21. ndinixélele ke namhla. Ke aniliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wenu ngako konke awandithumelayo ngako kuni.

22. Kungokunje yazini ukuba niya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kuloo ndawo ningxamele ukuya kuyo, ukuba niphambukele kuyo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 42