Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 42:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Basondela bonke abathetheli bezimpi: ooYohanan unyana kaKareha, noYezaniya unyana kaHoshaya, nabantu bonke, bethabathela komncinane base komkhulu. Bathi kuYeremiya umprofeti,

2. Ukutarhuzisa kwethu makhe kuwe phambi kwakho, usithandazele kuYehova uThixo wakho, uthandazele la masalela onke; ngokuba sisele sambalwa, besibaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;

3. uYehova uThixo wakho asixelele indlela esingahamba ngayo, nento esingayenzayo.

4. Wathi uYeremiya umprofeti kubo, Ndivile; yabonani, ndiya kuthandaza kuYehova uThixo wenu ngokwamazwi enu; kuthi onke amazwi aniphendule ngawo uYehova, ndinixelele; andiyi kunivimba lizwi.

5. Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho.

6. Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu.

7. Kwathi ekupheleni kwemihla elishumi, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya.

8. Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, nabantu bonke, bathabathela komncinane, besa komkhulu.

9. Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiwise ukutarhuzisa kwenu phambi kwakhe, ukuthi,

10. Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndingànigungxuli; ndonityala, ndingàninyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.

11. Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo; musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndináni, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 42