Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 4:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.

4. Zaluseleni kuYehova, nisuse ukungaluki kwentliziyo yenu, madoda akwaYuda, bemi baseYerusalem; hleze buphume ubushushu bam njengomlilo, buvuthe kungabikho ucimayo, ngenxa yobubi beentlondi zenu.

5. Xelani kwaYuda, nivakalise eYerusalem, nithi, Vuthelani isigodlo elizweni; dandulukani, nithi, Hlanganisanani, singene emizini enqatyisiweyo.

6. Phakamisani ibhanile* ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.

7. Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; úphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenzìwe imiwewe, ingabi nabemi.

8. Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.

9. Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangàkhulumi abaprofeti.

10. Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ùbalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.

11. Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;

12. umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.

13. Yabona, únyuka njengamafu, zinjengesaqhwithi iinqwelo zokulwa zawo; anamendu kunamaxhalanga amahashe awo.Yeha ke thina, ngokuba sibhuqiwe!

14. Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?

15. Ngokuba ilizwi lixelile, liphuma kwaDan, livakalisa ububi ezintabeni zakwaEfrayim:

16. khankanyani ezintlangeni; yabonani, vakalisani eYerusalem, nithi, Abangqingi beza bevela ezweni elikude, belikhuphela ilizwi labo phezu kwemizi yakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 4