Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 4:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.

26. Ndakhangela, nantso iKarmele* iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.

27. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingàligqibeli kuphele.

28. Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.

29. Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.

30. Ke wena ubhuqiweyo, uya kuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya,* ufumane wahomba; ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,

31. Ngokuba ndivé ilizwi elinjengelomfazi onenimba, imbandezelo enjengeyozibulayo, izwi lentombi enguZiyon; inesingqala, izolula izandla zayo, isithi, Athi ke mna! ngokuba umphefumlo wam utyhafile ngababulali.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 4