Wathuma ukumkani uZedekiya, wamthabathela kuye uYeremiya umprofeti, ekungeneni emnyango wesithathu osendlwini kaYehova. Wathi ukumkani kuYeremiya, Ndiya kukubuza indawo; uze ungafihli nto kum.