Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 37:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. abuye ke amaKaledi, alwe naló mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo.

9. Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka.

10. Inene, nibe ningafanelana niyixabele impi yonke yamaKaledi alwayo nani, kwasala kuyo amadoda aziingxwelera; abeya kuvuka elowo ententeni yakhe, awutshise lo mzi ngomlilo.

11. Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro,

12. waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.

13. Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Ùphambela kumaKaledi.

14. Wathi uYeremiya, Ùyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke àkamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli.

15. Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo.

16. Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi.

17. Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha; ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Ùya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.

18. Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndoné ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje?

19. Baphi na ke abaprofeti benu ababeprofeta kuni, besithi, Ukumkani waseBhabheli akayi kunifikela nina, nalo eli lizwe?

20. Kaloku ke khawuphulaphule, nkosi yam kumkani, makuwe phambi kwakho ukutarhuzisa kwam; musa ukundibuyisela endlwini kaYonatan umbhali, hleze ndifele khona.

21. Ukumkani uZedekiya wawisa umthetho; bambeka uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnika intenda yesonka imihla ngemihla esitratweni saboji, sada saphela sonke isonka phakathi komzi. UYeremiya wahlala ke entendelezweni yabalindi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 37