Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 37:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ukumkani uZedekiya unyana kaYosiya waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniyahu unyana kaYehoyakim, owenziwa ukumkani ezweni lakwaYuda nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

2. Akawaphulaphula naye, nabakhonzi bakhe, nabantu belizwe, amazwi kaYehova awawathethayo ngoYeremiya umprofeti.

3. Ukumkani uZedekiya wathuma ooYehukali unyana kaShelemiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuYeremiya umprofeti, esithi, Khawusithandazele kuYehova uThixo wethu.

4. UYeremiya ke ubengena ephuma phakathi kwabantu, bengekamfaki entolongweni.

5. Ke kaloku impi kaFaro ibiphume eYiputa; aziva iindaba zayo amaKaledi abeyingqinga iYerusalem, esuka emka eYerusalem.

6. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi,

7. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela zweni layo eYiputa;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 37