Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 36:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.

10. UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.

11. Waweva uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, onke amazwi kaYehova encwadini,

12. wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.

13. UMikaya wabaxelela onke amazwi abewavile ekuleseni kukaBharuki encwadini, ezindlebeni zabantu.

14. Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulesé kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 36