Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 36:24-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Àbankwantyanga, àbazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.

25. Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, àkabaphulaphula.

26. Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.

27. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, emveni kokuba ukumkani abeyitshisile incwadi esongwayo, namazwi abewabhalile uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, lisithi,

28. Buya, uthabathe enye incwadi esongwayo, ubhale kuyo onke amazwi okuqala, abesencwadini esongwayo yokuqala, awayithisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda.

29. Uze uthi kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, Utsho uYehova ukuthi, Wena uyitshisile le ncwadi isongwayo, usithi, Yini na ukuba ubhale kuyo ukuthi, Ukumkani waseBhabheli uya kuza ezè, alonakalise eli lizwe, aphelise umntu nenkomo kulo?

30. Ngako oko, utsho uYehova ngokusingisele kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Akuyi kubakho bani wakwakhe kuye, uhlalayo etroneni kaDavide; isidumbu sakhe siya kulahlelwa ebushushwini belanga emini, naseqabakeni ebusuku.

31. Ndiya kumvelela yena, nembewu yakhe, nabakhonzi bakhe, ngobugwenxa babo; ndibuzísele bona, nabemi baseYerusalem, namadoda akwaYuda, bonke ububi endabuthethayo kubo; ke àbaphulaphula.

32. UYeremiya wathabatha enye incwadi esongwayo, wayinika uBharuki unyana kaNeriya, umbhali; wawabhala kuyo, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi encwadi awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda ngomlilo. Kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi, anjengawo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 36