Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 36:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lafika eli lizwi kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

2. Thabathela kuwe incwadi esongwayo, uwabhale kuyo onke amazwi endawathetha kuwe ngamaSirayeli, nangamaYuda, nangeentlanga zonke, kususela kwimini endathethayo kuwe, uthabathele emihleni kaYosiya, ude uze kule mini.

3. Mhlawumbi indlu kaYuda ingábuphulaphula bonke ububi endicinga ukubenza kubo, ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi, ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.

4. UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.

5. UYeremiya wamwisela uBharuki umthetho, esithi, Mna ndivalelwe, andinako ukuya endlwini kaYehova.

6. Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.

7. Mhlawumbi ukutarhuzisa kwabo kungáwa phambi koYehova, babuye elowo endleleni yakhe embi; ngokuba mkhulu umsindo nobushushu, abuthethileyo uYehova ngaba bantu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 36