Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 35:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma, ndivuka kusasa, ndisithi, Khanibuye, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi, ukuze nibakhonze; nòhlala ke emhlabeni endawunika nina nooyihlo. Ke anizithobanga iindlebe zenu, anindiphulaphulanga.

16. Inene, oonyana bakaYonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umthetho kayise, awabawiselayo; ke bona aba bantu abandiphulaphuli.

17. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda nabemi bonke baseYerusalem bonke obu bubi ndathethayo ngabo; ngenxa yokuba ndathetha kubo, àbeva; ndababiza, àbasabela.

18. UYeremiya wathi kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba niwuphulaphule umthetho kaYonadabhi uyihlo, nayigcina yonke imithetho yakhe, nenza ngako konke awaniwisela umthetho ngako;

19. ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, UYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kunqunyukelwa ndoda yakuma phambi kwam yonke imihla.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 35