Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 34:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda,

7. eYerusalem, yakubon' ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.

8. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:

9. owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulúle, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.

10. Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenáyo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulúle, angabi sabakhonzisa; baphulaphula ke, babandulula.

11. Emveni koko bajika, bawabuyisa amakhoboka namakhobokazana ababewandulule bewakhulule, bawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana.

12. Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

13. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka; ndathi,

14. Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe; wókukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo àbandiphulaphulanga, àbandithobelanga ndlebe.

15. Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 34