Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 34:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo.

3. Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, ùya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uye nawe eBhabheli.

4. Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda; utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele, Ùya kufa unoxolo;

5. ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi! Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.

6. Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda,

7. eYerusalem, yakubon' ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.

8. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:

9. owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulúle, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 34