Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 34:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininìkele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.

18. Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo.

19. Abathetheli bakwaYuda, nabathetheli baseYerusalem, namagosa, nababingeleli, nabantu bonke belizwe abacandayo phakathi kwezahlulo zethole,

20. ndiya kubanikela ezandleni zeentshaba zabo, nasezandleni zabafuna umphefumlo wabo, zidliwe izidumbu zabo ziintaka zezulu nangamarhamncwa omhlaba.

21. UZedekiya ke ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakhe, ndiya kubanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, nasesandleni sempi yokumkani waseBhabheli, yona leyo yemkayo kuni.

22. Yabona, ndiwisa umthetho, utsho uYehova, wokuba ndibabuyisele kulo mzi, balwe nawo, bawuthimbe, bawutshise ngomlilo, ndiyenze amanxuwa imizi yakwaYuda, ingemiwa.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 34