Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 34:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka; ndathi,

14. Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe; wókukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo àbandiphulaphulanga, àbandithobelanga ndlebe.

15. Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam;

16. nasuka najika, nalihlambela igama lam, nabuyisa elowo ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, enaniwandulule, niwakhulule ngokuthanda kwawo; nawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana kuni.

17. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininìkele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.

18. Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo.

19. Abathetheli bakwaYuda, nabathetheli baseYerusalem, namagosa, nababingeleli, nabantu bonke belizwe abacandayo phakathi kwezahlulo zethole,

20. ndiya kubanikela ezandleni zeentshaba zabo, nasezandleni zabafuna umphefumlo wabo, zidliwe izidumbu zabo ziintaka zezulu nangamarhamncwa omhlaba.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 34