Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 34:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubon' ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi,

2. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo.

3. Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, ùya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uye nawe eBhabheli.

4. Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda; utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele, Ùya kufa unoxolo;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 34