Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 33:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;

18. bangànqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.

19. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

20. Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo:

21. wóba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.

22. Njengokuba úngenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.

23. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

24. Akukuboni na abakuthethayo aba bantu, besithi, Imizalwane yomibini, awayinyulayo uYehova, uyicekisile yona? Babagiba ke abam abantu, ngokokude bangabi saba luhlanga phambi kwabo.

25. Utsho uYehova ukuthi, Ukuba awumi umnqophiso wam wemini nowobusuku, ukuba imimiselo yezulu neyehlabathi andiyimisanga,

26. ndoba ndiya kuyicekisa nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam; ukuba embewini yakhe ndingabi sathabatha abayilawulayo imbewu ka-Abraham noIsake noYakobi, ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, ndibe nemfesane kubo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 33