Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 33:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazìsa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova.

12. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamantu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.

13. Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.

14. Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda.

15. Ngaloo mihla nangelo xesha, ndiya kumhlumisela uDavide iHlumelo loBulungisa, eliya kwenza ngokwesiko nobulungisa ezweni.

16. Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.

17. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;

18. bangànqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.

19. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

20. Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo:

21. wóba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.

22. Njengokuba úngenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.

23. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

24. Akukuboni na abakuthethayo aba bantu, besithi, Imizalwane yomibini, awayinyulayo uYehova, uyicekisile yona? Babagiba ke abam abantu, ngokokude bangabi saba luhlanga phambi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 33