Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 33:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya okwesibini, esavalelwe entendelezweni yentolongo, lisithi,

2. Utsho uYehova, uMenzi woku; uYehova, uMyili woku, ukuba akuzimase; ugama lakhe linguYehova, ukuthi,

3. Ndínqule, ndikuphèndule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.

4. Ngokuba utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngazo izindlu zalo mzi, nangezindlu zokumkani bakwaYuda ezidiliziweyo ngenxa yeendonga zokungqinga, nangenxa yekrele;

5. bakubona ukuba baza kulwa namaKaledi, bazizalisa ngezidumbu zabantu, endibabulalayo ngomsindo wam nangobushushu bam, ekungenxa yezinto zabo zonke ezimbi, ukuba ndibusithelise ubuso bam kulo mzi:

6. ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphìlise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso.

7. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYuda nokuthinjwa kukaSirayeli, ndibakhe njengokwasekuqaleni.

8. Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke, aboné ngabo kum; ndibuxolele ubugwenxa babo bonke, boné ngabo kum, bakreqa ngabo kum.

9. Lo mzi uya kuba ligama lemihlali kum, indumiso nesihombo kwiintlanga zonke zehlabathi, eziya kukuva konke okulungileyo endikwenzayo kuwo, zinkwantye, zigungqe ngenxa yokulunga konke, nangenxa yoxolo lonke, endiwenzela lona.

10. Utsho uYehova ukuthi, Kuya kubuva kuviwe kule ndawo, nitshoyo ukuthi, Ilinxuwa, ayinabantu, ayinankomo, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, ekusenkangala kuzo, ezingenabantu, ezingenabemi, ezingenankomo:

11. kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazìsa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova.

12. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamantu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.

13. Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.

14. Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda.

15. Ngaloo mihla nangelo xesha, ndiya kumhlumisela uDavide iHlumelo loBulungisa, eliya kwenza ngokwesiko nobulungisa ezweni.

16. Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.

17. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli;

18. bangànqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 33