Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 32:27-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?

28. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

29. ezé amaKaledi alwayo naló mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali* phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.

30. Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.

31. Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,

32. ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bóna, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.

33. Bándinikela ikhosi, àbandinikela ubuso; báfundiswa, befundiswa kwakusasa, àbaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.

34. Bábeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;

35. bámakhela uBhahali izigánga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki* oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.

36. Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Únikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,

37. Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.

38. Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;

39. ndibànike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 32