Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 32:12-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.

13. Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,

14. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha ezi ncwadi, incwadi yentengo le itywiniweyo, nencwadi le ivulekileyo, uzibeke esityeni somdongwe, ukuze zihlale imihla emininzi.

15. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kuya kubuya kuthengwe izindlu, namasimi, nezidiliya, kweli lizwe.

16. Ndathandaza kuYehova emveni kokuyinikela kwam incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, ndathi,

17. Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.

18. Ùnguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;

19. ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;

20. wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, únanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.

21. Wábakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo,

22. nangoloyikiso olukhulu. Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubànike ilizwe elibaleka amasi nobusi.

23. Beza ke balihlala; kodwa àbaliphulaphula izwi lakho, àbahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiseláyo umthetho ngako ukuba bakwenze, àbakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.

24. Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke únikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.

25. Ke wena, Nkosi yam Yehova, ùthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakùbona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.

26. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

27. Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?

28. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 32