Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 3:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.

10. Nakuko konke oko, àlabuyela kum ingininginikazi, udade walo uYuda, ngentliziyo yonke; kwaba ngokuxoka; utsho uYehova.

11. Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.

12. Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.

13. Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

14. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;

15. ndininike abalusi ábangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.

16. Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangàbi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingàthi qatha entliziyweni; ingàkhunjulwa ngabo, ingàfuneki, ingàbuye yenziwe.

17. Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.

18. Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.

19. Ndathi mna, Azi ndingáthini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 3