Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 3:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

14. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;

15. ndininike abalusi ábangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.

16. Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangàbi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingàthi qatha entliziyweni; ingàkhunjulwa ngabo, ingàfuneki, ingàbuye yenziwe.

17. Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.

18. Ngaloo mihla iya kuhamba indlu yakwaYuda kunye nendlu yakwaSirayeli, bavele kunye ezweni lasentla, beze ezweni endabanikayo ooyise laba lilifa.

19. Ndathi mna, Azi ndingáthini na ukukumisa phakathi koonyana, ndikunike ilizwe elinqwenelekayo, ilifa eliligugu lawo amagugu eentlanga? Ndathi, Niya kundibiza ngokuthi, Bawo; ningabuyi ekundilandeleni.

20. Inyaniso, njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli; utsho uYehova.

21. Livakele izwi eluqayini, isililo sokutarhuzisa soonyana bakaSirayeli; ngokuba bebezigwenxile iindlela zabo, bamlibala uYehova uThixo wabo.

22. Buyani, nyana bangamaphamba; ndokuphilisa ukuphamba kwenu.Uyabona, siza kuwe; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wethu.

23. Inyaniso, yaba bubuxoki ingxokozelo yasezindulini, yasezintabeni; inyaniso, lukuYehova uThixo wethu usindiso lukaSirayeli.

24. Isikizi liyidlile indyebo yoobawo kwasebuncinaneni bethu: impahla yabo emfutshane neenkomo zabo, oonyana babo neentombi zabo.

25. Masilale esikizini lethu, lisigubungele ihlazo lethu; ngokuba kuYehova uThixo wethu sonile, thina noobawo, kwasebuncinaneni bethu, unanamhla; àsaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 3