Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 28:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, báprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu.

9. Umprofeti lowo ùprofeta uxolo, uya kwaziwa ukuba ungumprofeti othunyiweyo nguYehova okunene, ekwenzekeni kwelo lizwi lomprofeti lowo.

10. Ke kaloku uHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, wayaphula.

11. Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke.Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.

12. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,

13. Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ùzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.

14. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 28