Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 28:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,

13. Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ùzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.

14. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.

15. Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.

16. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethé elokukreqa kuYehova.

17. Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 28