Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 27:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuya kuthi, uhlanga nobukumkani obungayi kumhonza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, obungayifakiyo intamo yabo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, ndiluvèlele olo luhlanga ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa, utsho uYehova, ndide ndibagqibe ngesandla sakhe.

9. Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bàthi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli.

10. Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.

11. Ke lona uhlanga oluya kuyingenisa intamo yalo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, lumkhonze, ndoluyeka emhlabeni walo, luwusebenze, luhlale kuwo; utsho uYehova.

12. NakuZedekiya ukumkani wakwaYuda ndathetha ngokwaloo mazwi onke, ndathi, Zingeniseni iintamo zenu edyokhweni yokumkani waseBhabheli, nikhonze yena nabantu bakhe, niphile.

13. Yini na ukuba ufe, wena nabantu bakho, likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, njengoko akuthethileyo uYehova ngohlanga olungayi kumkhonza ukumkani waseBhabheli?

14. Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abathetha kuni, besithi, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

15. Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, nina nabaprofeti abo baniprofetelayo.

16. Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

17. Musani ukubaphulaphula; mkhonzeni ukumkani waseBhabheli, niphile; yini na ukuba ube linxuwa lo mzi?

18. Ke ukuba bangabaprofeti, ke ukuba likho ilizwi likaYehova kubo, mabambongoze uYehova wemikhosi, ukuze impahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ingayi eBhabheli.

19. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kuzo iintsika, nangalo ulwandle, nangazo iinqwelwana, nangawo amasalela empahla eseleyo kuló mzi,

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 27