Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 27:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

17. Musani ukubaphulaphula; mkhonzeni ukumkani waseBhabheli, niphile; yini na ukuba ube linxuwa lo mzi?

18. Ke ukuba bangabaprofeti, ke ukuba likho ilizwi likaYehova kubo, mabambongoze uYehova wemikhosi, ukuze impahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ingayi eBhabheli.

19. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kuzo iintsika, nangalo ulwandle, nangazo iinqwelwana, nangawo amasalela empahla eseleyo kuló mzi,

20. engathatyathwanga nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ekumfuduseni kwakhe uYekoniya, unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, eYerusalem, ukumsa eBhabheli, enabanumzana bonke bakwaYuda neYerusalem;

21. ewe, utsho uYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, ngempahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ukuthi,

22. Iya kusiwa eBhabheli ibe khona, ide ibe yimini yokuyivelela kwam, utsho uYehova; ndiyìnyuse, ndiyibuyìsele kule ndawo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 27