Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 27:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. NakuZedekiya ukumkani wakwaYuda ndathetha ngokwaloo mazwi onke, ndathi, Zingeniseni iintamo zenu edyokhweni yokumkani waseBhabheli, nikhonze yena nabantu bakhe, niphile.

13. Yini na ukuba ufe, wena nabantu bakho, likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, njengoko akuthethileyo uYehova ngohlanga olungayi kumkhonza ukumkani waseBhabheli?

14. Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abathetha kuni, besithi, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

15. Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, nina nabaprofeti abo baniprofetelayo.

16. Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 27