Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 27:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya,

2. liphuma kuYehova, lisithi: Utshilo uYehova kum ukuthi, Zenzele izitropu needyokhwe, uzifake entanyeni yakho.

3. Wòzithumela kukumkani wakwaEdom, nakukumkani wakwaMowabhi, nakukumkani woonyana baka-Amon, nakukumkani waseTire, nakukumkani waseTsidon, ngesandla sabathunywa abeze eYerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaYuda;

4. ubawisele umthetho wokuba bathi ezinkosini zabo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni ezinkosini zenu ukuthi,

5. Mna ndilenzile ihlabathi, umntu lo, neenkomo eziphezu kwehlabathi, ngamandla am amakhulu, nangengalo yam eyolukileyo; ndalinika lowo kuthe tye emehlweni am ukuba ndilinike yena.

6. Kaloku ke mna ndiwanikele onke la mazwe esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, kwanamarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amkhonze.

7. Ziya kumkhonza zonke iintlanga, yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelakhe ilizwe; zimkhonze ke naye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.

8. Kuya kuthi, uhlanga nobukumkani obungayi kumhonza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, obungayifakiyo intamo yabo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, ndiluvèlele olo luhlanga ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa, utsho uYehova, ndide ndibagqibe ngesandla sakhe.

9. Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bàthi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli.

10. Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 27