Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 26:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Uze uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe anandiphulaphula, nihambe ngomyalelo wam, endiwubeke phambi kwenu,

5. anawaphulaphula amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endibathumela kuni, ndibathuma ndivuka kusasa, anaweva:

6. ndoyenza le ndlu ibe njengeShilo, ndiwenze lo mzi ube yinto yokutshabhiswa ezintlangeni zonke zehlabathi.

7. Babemva ke uYeremiya ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, ethetha la mazwi endlwini kaYehova.

8. Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, ùya kufa.

9. Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi? Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.

10. Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova.

11. Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 26