Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 26:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekuqalekeni kobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi, liphuma kuYehova,

2. lisithi, Utsho uYehova ukuthi, Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eza kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ungaphunguli zwi kuwo.

3. Mhlawumbi baya kuva, babuye elowo endleleni yakhe embi, ndizohlwaye ngenxa yobubi endicinga ukubenza kubo, ngenxa yobubi beentlondi zabo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 26