Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 25:7-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.

8. Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am, yabonani,

9. ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;

10. ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.

11. Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.

12. Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,

13. ndilizisele elo lizwe onke amazwi am endawathetha ngalo: into yonke ebhaliweyo kule ncwadi, ayiprofetileyo uYeremiya ngeentlanga zonke.

14. Ngokuba ziya kuwakhonzisa nawo iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu, ndiwavuze ngokwemisebenzi yawo, nangokwezenzo zezandla zawo.

15. Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo;

16. zisèle, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.

17. Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova:

18. iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla;

19. uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke;

20. nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode;

21. uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 25