Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 25:28-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kothi, xa bathe àbavuma ukuyithabatha indebe esandleni sakho ukuba basele, uthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Niya kusela ngenene.

29. Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningába msulwa nide nibe msulwa na ke nina? Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.

30. Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; úya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.

31. Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova.

32. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi.

33. Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangàhlanganiswa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.

34. Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;

35. iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi.

36. Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo.

37. Athe shwaka amakriwa oxolo, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova.

38. Úlushiyile njengengonyama entsha udada lwakhe; ngokuba kuthe kwaba senkangala kulo ilizwe labo ngenxa yekrele elidlavulayo, nangenxa yokuvutha komsindo wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 25