Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 25:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo;

16. zisèle, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.

17. Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova:

18. iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla;

19. uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke;

20. nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode;

21. uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;

22. nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;

23. uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke;

24. nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango;

25. nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi;

26. nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asèle emva kwabo ukumkani waseSheshaki.

27. Ngoko ke wòthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 25