Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 23:34-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.

35. Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Útheni na ukuphendula uYehova? útheni na ukuthetha uYehova?

36. Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.

37. Wòtsho kumprofeti ukuthi, Útheni na uYehova ukukuphendula? útheni na uYehova ukuthetha?

38. Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova:

39. ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo;

40. ndíbeke phezu kwenu isingcikivo esingunaphakade, ihlazo elingunaphakade, elingenakulityalwa.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 23