Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 23:29-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?

30. Ngako oko yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abawebayo amazwi am elowo kummelwzne wakhe.

31. Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwini lwabo, bathi, Útsho.

32. Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangàbancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.

33. Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Síyintoni na isihlabo sikaYehova? wòbaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.

34. Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.

35. Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Útheni na ukuphendula uYehova? útheni na ukuthetha uYehova?

36. Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.

37. Wòtsho kumprofeti ukuthi, Útheni na uYehova ukukuphendula? útheni na uYehova ukuthetha?

38. Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova:

39. ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 23