Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 23:24-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wósithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Àndizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.

25. Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile.

26. Koda kube nini na kuyilé nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo?

27. Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali?

28. Umprofeti onephupha makalawule iphupha; onelizwi lam makathethe ilizwi lam enyanisile. Yintoni na enomququ nengqolowa? utsho uYehova.

29. Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?

30. Ngako oko yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abawebayo amazwi am elowo kummelwzne wakhe.

31. Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwini lwabo, bathi, Útsho.

32. Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangàbancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.

33. Ke kaloku, xa bathe bakubuza aba bantu, nokuba ngumprofeti, nokuba ngumbingeleli, besithi, Síyintoni na isihlabo sikaYehova? wòbaxelela into esiyiyo isihlabo, sithi, Ndiya kunilahla, utsho uYehova.

34. Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe.

35. Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Útheni na ukuphendula uYehova? útheni na ukuthetha uYehova?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 23