Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 22:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyèle kulo, abasayi kubuyela kulo.

28. Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?

29. Lizwe, lizwe, lizwe, líve ilizwi likaYehova!

30. Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo; ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 22