Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 22:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Utsho uYehova ukuthi, Yihla uye endlwini yokumkani wakwaYuda, uthethe khona eli lizwi,

2. uthi, Live ilizwi likaYehova, kumkani wakwaYuda, uhleliyo etroneni kaDavide, wena, nabakhonzi bakho, nabantu bakho abangénayo ngala masango.

3. Utsho uYehova ukuthi, Yenzani okusesikweni nobulungisa, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, ningamxinzeleli phantsi; ningamgonyameli owasemzini nomhlolokazi nenkedama; ningaphalazi gazi limsulwa kule ndawo.

4. Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe.

5. Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa.

6. Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, ÙlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo.

7. Ndiya kukungcwalisela abonákalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare* yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni.

8. Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu?

9. Bathi ke, Kungenxa yokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wabo, baqubuda thixweni bambi, babakhonza.

10. Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

11. Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayi kubuya abuyele apha;

12. ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.

13. Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelizé, angamniki umvuzo wakhe;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 22