Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 2:5-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Utsho uYehova ukuthi, Báfumana bubi buní na kum ooyihlo, le nto bákhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto?

6. Àbatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?

7. Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakùngena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.

8. Ababingeleli àbatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali,* balandela abangancedi nto.

9. Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.

10. Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithùme nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;

11. ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengèthixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.

12. Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.

13. Ngokuba benzé ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.

14. USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kúngathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?

15. Zimbharhúlele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.

16. Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi bádlela elukakayini lwakho.

17. Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?

18. Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo* lowo?

19. Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

20. Ngokuba kususela kwakude, ùyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 2