Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 2:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Úbengcwele uSirayeli kuYehova, intlahlela yakhe yongeniselo; bonke abamdlayo bozeka ityala, bofikelwa bububi; utsho uYehova.

4. Liveni ilizwi likaYehova, ndlu kaYakobi, nonke mizalwane yendlu kaSirayeli.

5. Utsho uYehova ukuthi, Báfumana bubi buní na kum ooyihlo, le nto bákhwelela kude kum, balandela izinto ezingento, baba yinto engeyakonto?

6. Àbatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?

7. Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakùngena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.

8. Ababingeleli àbatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali,* balandela abangancedi nto.

9. Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.

10. Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithùme nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;

11. ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengèthixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.

12. Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.

13. Ngokuba benzé ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.

14. USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kúngathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?

15. Zimbharhúlele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.

16. Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi bádlela elukakayini lwakho.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 2