Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 2:24-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.

25. Luthintele unyawo lwakho lungabi zé, nomqala wakho unganxanwa. Ùthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.

26. Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bòna ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;

27. besithi emthini, Ùngubawo; nasetyeni, Ùndizele; ngokuba bandinikela ikhosi, àbandinikela buso; ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk' ume usisindise.

28. Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho bábengangenâni lemizi yakho, Yuda.

29. Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.

30. Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidlé abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.

31. Sizukulwanandini, likhangeleni ilizwi likaYehova. Bendiyintlango na kuSirayeli? Bendililizwe lesithokothoko na? Kúngathuba lini na ukuba bathi abantu bam, Siyaphaphatheka, àsizi kuwe?

32. Iyazilibala na intombi izivatho zayo, umtshakazi uyazilibala na iinqwemesha zakhe? Ke bona abantu bam bandilibele imihla engenakubalwa.

33. Ùyakwazi ukuyilungisa indlela yakho ngokufuna uthando; ngako oko iindlela zakho uziqhelisa izinto ezimbi.

34. Kwanasemasondweni akho kufumaneka igazi lemiphefumlo yamahlwempu amsulwa; akuwafumananga egqobhoza zindlu: bekungenxa yoku konke.

35. Ukanti ùthi ke, Ndimsulwa, ewe, umsindo wakhe ubuyile kum. Yabona, ndiya kumangalelana nawe ngenxa yokuba usithi, Andonanga.

36. Yini na ukuba uzulazule kangaka, uyijike indlela yakho? Uya kudana ngenxa yeYiputa, njengokuba udanile ngenxa yeAsiriya.

37. Nakuyo leyo uya kuphuma, zísentloko izandla zakho; ngokuba uYehova uya kubacekisa okholose ngabo, ungabi nampumelelo ngabo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 2