Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 2:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kúngathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?

15. Zimbharhúlele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.

16. Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi bádlela elukakayini lwakho.

17. Oko asikukwenza kwakho na, ngokushiya kwakho uYehova uThixo wakho, ngexesha abekuhambisa ngendlela?

18. Okanye yintoni na enawe nendlela yaseYiputa, ukuba usele amanzi oMnayile? Yintoni na enawe nendlela yaseAsiriya, ukuba usele amanzi oMlambo* lowo?

19. Buya kukuthethisa ububi bakho, nokuphamba kwakho kuya kukohlwaya; yazi ke ubone, ukuba kubi, kukrakra, ukumshiya uYehova uThixo wakho, nokuthi ungankwantyi phambi kwam; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

20. Ngokuba kususela kwakude, ùyaphule idyokhwe yakho, waziqhawula izitropu zakho; wathi, Andiyi kukukhonza; kuba ezindulini zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, wazolula ngokwehenyukazi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 2