Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 19:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhlu ababingeleli;

2. uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe.

3. Wòthi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo;

4. ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.

5. Bamakhela uBhahali* izigánga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 19