Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 17:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, nezigánga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.

4. Ùya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhònzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.

5. Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;

6. ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.

7. Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;

8. kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.

9. Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?

10. Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.

11. Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.

12. Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;

13. themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.

14. Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.

15. Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.

16. Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 17