Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 16:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye ezweni eningalazanga, nina nooyihlo, nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.

14. Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,

15. Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.

16. Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumèle abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.

17. Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, àzisithele kum; àbufihlakèle ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.

18. Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.

19. Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo bádla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.

20. Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?

21. Ngako oko, yabona, ndiyabazísa ngesi sihlandlo, ndibazíse isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 16