Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 15:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wena ùndilahlile, utsho uYehova, ùbùye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.

7. Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.

8. Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.

9. Úyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.

10. Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

11. UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

12. Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

13. Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;

14. ndíbuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwé umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.

15. Wena, Yehova, uyazi, Ndíkhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungàndikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.

16. Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum àba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.

17. Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 15