Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 15:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.

5. Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?

6. Wena ùndilahlile, utsho uYehova, ùbùye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.

7. Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.

8. Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.

9. Úyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.

10. Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

11. UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

12. Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 15